Tuesday, August 6, 2013
okuqulathwe yile blogi
isiko ndikholelwa ekubeni ba koko kuthi kwenziwe ngumntu ozibona njengomntu ontsundu, oku ke ngokwakwi ntlalo yama'Xhosa kungazizinto ezifana nomaluko, inkolo yokubonelwa isoka lokutshata, imbeleko nakunye nezinye ke izinto ( amasiko nezithethe). amasiko ke ayane afumaneke kakhulu kwintlalo yabantu abamnyama, nanjengokuba thina sinazo iziduko-intsusa yalamasiko kaloku iqalela pha ezidukweni, uthi umntu ukuze azazi ukuba ungubani (cultural identity) abe kanti unesiduko, ukongeza ke apho-awunokuthi ungumQwathi wenze isiko laseMatshaweni kungenjalo ukuba ukwenzile oko kukholelwa ekubeni ba ubom bakho abusayi kuhamba ngendlela kwaye uyokuthi udibane nemingeni efana nentlupheko okanye impilo ibemaxongo de ube kanti wenze isiko lakowenu.
yintoni yona inkolo yobuKrestu. inkolo yobuKrestu ndingathi kulapho abantu bayane bazibandakanye no Yesu (jesus), xa uthe wenza oku ke uyane ubenegunya utsho uzibize ngokuba usindisiwe. unjani ke umntu osindisiweyo-umntu osindisiweyo ngulowo uyane aphose onke amaxhala akhe ku Yehova, ngulowo uyane athi anikezele ngezinto zasemhlabeni ekwenzeni kwakhe oko atsho ayeke ukusela, ukujola, nako konke okungendawo kwaye ANGAWENZI NAMASIKO!.
nanjengokuba ndinixele ngoluvo lwam ukuba yintoni umahluko phakthi kwalemiba mibini. Leblogi yam ngoko izakuthi iqhubekeke ijonge iingxoxo mpikiswano eziphakathi kwalemiba mibini ikwasinika nemizekelo eyenzekayo kulemihla siphila kuyo. Leblogi ke injongo yayo ayikubonakalisa ukuba mna (Abongile ndiphila njani/ndilandela eyiphi intlalo, ngoko iqulathe ekujongeni ukuba ingaba singabntu abaNtsundu sisaphila ngendlela efanelekileyo na, ingaba amasiko nezithethe zethu sisawenza ngendlela efanelekileyo na. ekuthetheni kwam oku ndiyathemba ukuba nizoba nexesha elimyoli nifunda le blogi.
Subscribe to:
Post Comments (Atom)
No comments:
Post a Comment