Monday, August 19, 2013
Noxanje kengoku sisiva kubabhali bethu abazingcali kwiblogi yethu egqithileo besitsho ngalibanzi besixelela ukuba ezinkolo zimbini zahlukeneyo ziqalelephi na. Sibonile ke yonke intsusa yezinkolo, lonto itsho isithathe isise kumba wokuba-ingaba ezinkolo sizenza ngokufanelekileo na, ingaba ngokwenene singawo, okanye abo bazibiza ngokuba ngamakholwa ingaba ngamakholwa ngokwenene na? Kungenjalo, ingaba abo bathi ngabantu abamnyama ( Sizogxininisa emXhoseni kuphela) bayawenza amasiko abo ngokufanekileyo na ? Ngokwezimvo okanye ulwazi lam mna ndingathi akusafani nakuqala, ingathi abantu beli batshintsha nokutshintsha kwexesha ngoba ukuba siyayithatha lento siyibhekise kwelaxesha lamandulo, ixesha 'lamaqaba' ke ukutsho uyakufumanisekisa ukuba indlela yokwenza izinto yatshintsha.
Kwelixesha langoku isinxibo asisafani, kudala kwangungakhathalelwe nendlela yokunxiba ebiza amaxabiso aphezulu, umntu wayenxiba imibhaco yakhe ukuba ungumama, athso ukubamhle ngezibheshu zakhe ukuba ngumntu ongutata, ndizama ukuthi indlela yokuphila ngkoko yayifikeleleka (it was an affordable lifestyle). Indlela yomntu omnyama yokuzonwabisa yayikuxhentsa emathekwini anje ngemitshato nemigidi kwaye ke ukutyeba komntu ngakumbi oyindoda yayiziinkomo zakhe, kwakungekho xesha lakukhuphisana ngezindu nanjengokuba kwakuhlalwa kwizindlu zedaka kwaye kwakungekho mfuneko yeemoto ezingayiwayo nanjengokuba kwakuxatyiswe ukuhamba ngamahashi nangenyawo
Kodwa ke kwenzekile izinto zatshintsha (sothi siluhlalutye kalibanzi olutshintsho nesizathu salo kwi blogi elandelayo) namlanje uyokufumanisekisa ukuba nobobutyebi beenkomo abusekho,umntu omnyama uyahlupheka, endicingayo ukuba okukuhlupheka kuyane kuyichaphezele indlela yamasiko ethu, ngoba kaloku ekuhluphekeni kwakhe umntu omnyama uyane ufumanisekise ukuba ngoku kunzima nokwenza iimfuneko zakhe, ngoba kaloku kudala yayisithi ukuba inkwenkwe imoshile kulomzi itsho ithi gqhi seyixolisa ngeenkomo, okanye iigusha ekuxhomekekeni ukuba lonkwenkwe imoshe kangakanani na. lomba wemfuyo kuyacaca ukuba ububalulekile kakhulu kwaye ibingundoqo apha ekwakheni ubuhlobo, bebesithi noba baxabene abantu omnye axhele noba yinkukhu ukubonakalisa indlela azithoba ngayo nendlela axolisa ngayo, kodwa azisenzeki ezozinto namhlanje.
Lemfuyo ke yayikwayiyo nendlela umntu omnyama athi azingce ngayo ngoba kaloku intlonipho/nesidima (Prestige) sendoda sasixhomekeke kwakulemfuyo, endicingayo ukuba yayisithi yokugcwala iyadi ziinkomo inene ubonwe uyindoda emadodeni. Kwathi ke ngenxeni yokuba izinto zibenendlela ezithe zatshintsha ngayo umntu omnyama wazibona sele elahlekelwe yimihlaba kwakunye nemfuyo lonto yabangela kengoku ukuba makuphele ubuhlobo kuphele nesidima salamasiko masiko lawo ebesiwenza ngalemfuyo ithe yasilahlekela. Kwi blogi elandelayo sizokuthi sijonge ngalubanzi ukuba konakelephi.
Subscribe to:
Post Comments (Atom)
No comments:
Post a Comment