AMASIKOvsIMPILOyamaKRESTU
Monday, August 19, 2013
Noxanje kengoku sisiva kubabhali bethu abazingcali kwiblogi yethu egqithileo besitsho ngalibanzi besixelela ukuba ezinkolo zimbini zahlukeneyo ziqalelephi na. Sibonile ke yonke intsusa yezinkolo, lonto itsho isithathe isise kumba wokuba-ingaba ezinkolo sizenza ngokufanelekileo na, ingaba ngokwenene singawo, okanye abo bazibiza ngokuba ngamakholwa ingaba ngamakholwa ngokwenene na? Kungenjalo, ingaba abo bathi ngabantu abamnyama ( Sizogxininisa emXhoseni kuphela) bayawenza amasiko abo ngokufanekileyo na ? Ngokwezimvo okanye ulwazi lam mna ndingathi akusafani nakuqala, ingathi abantu beli batshintsha nokutshintsha kwexesha ngoba ukuba siyayithatha lento siyibhekise kwelaxesha lamandulo, ixesha 'lamaqaba' ke ukutsho uyakufumanisekisa ukuba indlela yokwenza izinto yatshintsha.
Kwelixesha langoku isinxibo asisafani, kudala kwangungakhathalelwe nendlela yokunxiba ebiza amaxabiso aphezulu, umntu wayenxiba imibhaco yakhe ukuba ungumama, athso ukubamhle ngezibheshu zakhe ukuba ngumntu ongutata, ndizama ukuthi indlela yokuphila ngkoko yayifikeleleka (it was an affordable lifestyle). Indlela yomntu omnyama yokuzonwabisa yayikuxhentsa emathekwini anje ngemitshato nemigidi kwaye ke ukutyeba komntu ngakumbi oyindoda yayiziinkomo zakhe, kwakungekho xesha lakukhuphisana ngezindu nanjengokuba kwakuhlalwa kwizindlu zedaka kwaye kwakungekho mfuneko yeemoto ezingayiwayo nanjengokuba kwakuxatyiswe ukuhamba ngamahashi nangenyawo
Kodwa ke kwenzekile izinto zatshintsha (sothi siluhlalutye kalibanzi olutshintsho nesizathu salo kwi blogi elandelayo) namlanje uyokufumanisekisa ukuba nobobutyebi beenkomo abusekho,umntu omnyama uyahlupheka, endicingayo ukuba okukuhlupheka kuyane kuyichaphezele indlela yamasiko ethu, ngoba kaloku ekuhluphekeni kwakhe umntu omnyama uyane ufumanisekise ukuba ngoku kunzima nokwenza iimfuneko zakhe, ngoba kaloku kudala yayisithi ukuba inkwenkwe imoshile kulomzi itsho ithi gqhi seyixolisa ngeenkomo, okanye iigusha ekuxhomekekeni ukuba lonkwenkwe imoshe kangakanani na. lomba wemfuyo kuyacaca ukuba ububalulekile kakhulu kwaye ibingundoqo apha ekwakheni ubuhlobo, bebesithi noba baxabene abantu omnye axhele noba yinkukhu ukubonakalisa indlela azithoba ngayo nendlela axolisa ngayo, kodwa azisenzeki ezozinto namhlanje.
Lemfuyo ke yayikwayiyo nendlela umntu omnyama athi azingce ngayo ngoba kaloku intlonipho/nesidima (Prestige) sendoda sasixhomekeke kwakulemfuyo, endicingayo ukuba yayisithi yokugcwala iyadi ziinkomo inene ubonwe uyindoda emadodeni. Kwathi ke ngenxeni yokuba izinto zibenendlela ezithe zatshintsha ngayo umntu omnyama wazibona sele elahlekelwe yimihlaba kwakunye nemfuyo lonto yabangela kengoku ukuba makuphele ubuhlobo kuphele nesidima salamasiko masiko lawo ebesiwenza ngalemfuyo ithe yasilahlekela. Kwi blogi elandelayo sizokuthi sijonge ngalubanzi ukuba konakelephi.
Make sithethe ngenkolo yobuKrestu ngalubanzi, sazi ukuba ithi intsusa yayo/ ingcambu yayo. Inkolo yobuKrestu ikholelwa ekubeni ba yaphuhlisa ngamaJuda ngezithuba ze sentyuri yokuqala. Bathi nabo banomdla wokuthi bayisasaze emveni wokubulalwa kukaYesu emnqamlezweni, hiyo lonto abo bamlandelayo bebizwa ngokuba zii “Christians”. Iichristians onake ubuchristian bubandakanya amanqaku amanintsi okanye indlela ezinintsi ezibandakanya iinkolo kunye nezenzo, kodwa ngokusesikweni (Hayi ngokwe siko) iiChristians zikholelwa ekubeni ba uThixo umnye akekho omnye ngaphandle kwakhe, ngoko ukuba uzibiza njenge kholwa wena akusayi kuthandaza iziThixo, kungenjalo uThixo wakho oyokuthi umthandaze umnye akekho omnye ngaphandle kwakhe, lo Thixo ke ngulowo waziwa nje ngoYise, Unyana kunye noMoya Oyingcwele, lenkolo ke ikwakholelwa ekubeni ba uJesus yena ngokowo wathunyelwa elizweni nguYise wakhe ukuze azolisindisa. Amakrestu ke akholelwa kwi Bible, ethi ibenendidi ezimbini itestamente endala kunye netestamente entsha. Njengenye yenkolelo nezenzo zabo ke, amaKrestu ayane athi adibane etempileni /ecawenirhoqo ngeecawa ezintsukwini apho bathi badumise uThixo wabo, batsho befundisana/besobelana ngelizwi likaThixo. Yintsusa ke lena nendlela athi amaKrestu aqhube ngayo inkolo yabo.
Oku kungasentla kucatshulwe kule dilesi: http://www.patheos.com/Library/Christianity.html.
Okulandelayo make sijonge intsusa yenkolo yamasiko kule dilesi: http://www.geni.com/projects/amaXhosa-People-of-South-Africa/9944.
Fori inkcukacha ezithe vetshe umntu angaya nakwezii webhi zilandelayo :
•http://www.encounter.co.za/article/126.html
•http://en.wikipedia.org/wiki/Xhosa_people
•http://orvillejenkins.com/profiles/xhosa.html
•http://www.everyculture.com/wc/Rwanda-to-Syria/Xhosa.html#b
•http://www.southafrica-travel.net/history/eh_xhosa.htm
•http://en.wikipedia.org/wiki/Xhosa_clan_names
•http://en.wikipedia.org/wiki/List_of_Xhosa_people
Tuesday, August 6, 2013
okuqulathwe yile blogi
isiko ndikholelwa ekubeni ba koko kuthi kwenziwe ngumntu ozibona njengomntu ontsundu, oku ke ngokwakwi ntlalo yama'Xhosa kungazizinto ezifana nomaluko, inkolo yokubonelwa isoka lokutshata, imbeleko nakunye nezinye ke izinto ( amasiko nezithethe). amasiko ke ayane afumaneke kakhulu kwintlalo yabantu abamnyama, nanjengokuba thina sinazo iziduko-intsusa yalamasiko kaloku iqalela pha ezidukweni, uthi umntu ukuze azazi ukuba ungubani (cultural identity) abe kanti unesiduko, ukongeza ke apho-awunokuthi ungumQwathi wenze isiko laseMatshaweni kungenjalo ukuba ukwenzile oko kukholelwa ekubeni ba ubom bakho abusayi kuhamba ngendlela kwaye uyokuthi udibane nemingeni efana nentlupheko okanye impilo ibemaxongo de ube kanti wenze isiko lakowenu.
yintoni yona inkolo yobuKrestu. inkolo yobuKrestu ndingathi kulapho abantu bayane bazibandakanye no Yesu (jesus), xa uthe wenza oku ke uyane ubenegunya utsho uzibize ngokuba usindisiwe. unjani ke umntu osindisiweyo-umntu osindisiweyo ngulowo uyane aphose onke amaxhala akhe ku Yehova, ngulowo uyane athi anikezele ngezinto zasemhlabeni ekwenzeni kwakhe oko atsho ayeke ukusela, ukujola, nako konke okungendawo kwaye ANGAWENZI NAMASIKO!.
nanjengokuba ndinixele ngoluvo lwam ukuba yintoni umahluko phakthi kwalemiba mibini. Leblogi yam ngoko izakuthi iqhubekeke ijonge iingxoxo mpikiswano eziphakathi kwalemiba mibini ikwasinika nemizekelo eyenzekayo kulemihla siphila kuyo. Leblogi ke injongo yayo ayikubonakalisa ukuba mna (Abongile ndiphila njani/ndilandela eyiphi intlalo, ngoko iqulathe ekujongeni ukuba ingaba singabntu abaNtsundu sisaphila ngendlela efanelekileyo na, ingaba amasiko nezithethe zethu sisawenza ngendlela efanelekileyo na. ekuthetheni kwam oku ndiyathemba ukuba nizoba nexesha elimyoli nifunda le blogi.
Subscribe to:
Comments (Atom)